ICEBO LIKA THIXO LOKUSINDISA ABANTU
INDIMA 1 -INDIMA KATHIXO: ISISEKELO SOSINDISO 
1 Uthando lukaThixo. Yohane 3:16 "Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade"   
2  Unikele ngonyana wakhe njengomsindisi.  Luka 19:10 "kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo"  
3 Uthumele umoya oyingcwele njengo Mkhokeli wethu. Yohane 16:13 "Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo."  
4 Usinikele ngelizwi elingcwele njengamandla kusindiso.  Roma 1:16 "Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu;  kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike"  
5  Usinike igazi lonyana wakhe ukuze sxolelwe.  Roma 5:9 "Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo" Kolose 1 :14 "esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe,  ukuxolelwa kwezono ke oko"
INDIMA II-INDIMA YOMNTU: IMIQA THANGO EMA YIHLANGA TYEZWE 
1 Ukuva ilizwi  1 Petros 1:23 "nizelwe nje ngokutsha, kungengokwasembewini enokonakala,  kungokwasembewini engenakonakala, ngelizwi likaThixo eliphilileyo, elihleliyo ngonaphakade" Roma10:17 "Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo"
    Yohane 8:32 "Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam,  inyaniso" Yohane 17:17 "Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso"
2 Ukukholwa elizwini  Marko 16:16 "Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa"  Heb 11:6 "Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo"
    Yohane 8:24 "Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu" (Yohane 3:16) Yohane 20:31 "kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.
3 Ukuguquka esonweni  Luka 13:3 "Ndithi kuni, Hayi; nothi xa sukuba ningaguquki,  nitshabalale kwangokunjalo nonke" Zenzo 17:30 "Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabomi;  kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke"
4 Ukuvuma ukholo kukristu  Mateyu 10:32 "Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?" Roma 10:9-10 "Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. 10Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa;  avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe"
    Zenzo 8:37 "37Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela,  kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo"  
5 Ukubaptizwa Marko 16:16 "Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa"  Galati 3:27 "kuba nina nonke, nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu"
    Roma 6:3-6 "Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu,  sabhaptizelwa ekufeni kwakhe? 4Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze,  njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise,  sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. 5Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe,  somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; 6sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; 
  Zenzo 2:38 "Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele" Zenzo 22:16 "Nakaloku usalibele yini na? Suk’ ume, ubhaptizwe,  uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi"
    1 Petros 3:21 "21Olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo;  olungekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukukubuzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu"  
       
UTHIXO UYIDLALILE EYAKHE INDIMA, NGAYIDLALA EYAKHO? 
Ukuba kunjalo uyakusindiswa wangezelelwe yiNkosi ebandleni layo (Marko 16:16; Zenzo 2:47; 1 Korinte 12:13; Efese 4:4-6; see other side). Emva koko kufuneka uthobele imithetho kaKristu (Mateyu 28:20), thembeka kude kube sekufeni uyakuthweswa isithsaba sobomi obungunaphakade (Isityhilelo 2:10).